ISurah Yaseen Ngenguqulelo yesiXhosa

ISurah Yaseen eguqulelwe ngesiXhosa ineempembelelo zomoya nezeemvakalelo ezininzi kubomi bomntu. Sisahluko sama-36 seKurani eNgcwele, efumaneka kwi-22nd kunye ne-23rd Juz yeQuran. ISurah Yaseen inika isikhokelo esinamandla kunye nobulumko. Ukufunda inguqulelo yayo kunceda amaSilamsi ukuba awuqonde ngakumbi umyalezo wayo, andise ulwazi kwaye enze iimfundiso zawo zibe nentsingiselo ngakumbi. Ikwabonelela ngezifundo zokuziphatha nezisesikweni ezizisa ukucaca kubomi bemihla ngemihla.

Iindinyana ezingama-83 zeSurah Yaseen zinokuzisa uxolo lwengqondo, ngakumbi ngamaxesha oxinezeleko. Ngelixa ukuyicengceleza ngesiArabhu kuzisa umvuzo wokomoya, ukuqonda intsingiselo epheleleyo ngoguqulelo kuvumela unxibelelwano olunzulu. ISurah Yaseen ifumaneka ngeelwimi ezingama-95+, nto leyo eyenza ukuba ifikeleleke kubantu kwihlabathi liphela. Wonke umSilamsi uyakhuthazwa ukuba ayifunde inguqulelo epheleleyo ubuncinane kube kanye ukuze awuqonde ngokupheleleyo umyalezo wayo. Kulula kubafundi ukucengceleza iSurah Yaseen kwi-intanethi okanye bakhuphele iSurah Yaseen Xhosa PDF epheleleyo kwaye bayigcine kwizixhobo zabo ukuze bayifumane ngokukhawuleza—nangaphandle konxibelelwano lwe-intanethi.

Mamela iSurah Yaseen Xhosa Audio

Funda iSurah Yaseen epheleleyo kunye nenguqulelo yesiXhosa kwi-Intanethi

36.1

يسٓ

Yâsîn.ا

Tafseer

Tafseer

36.0

بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ

Egameni lika-Allâh, uSolubabalo, uSozinceba.ا

Tafseer

Tafseer

36.3

إِنَّكَ لَمِنَ ٱلۡمُرۡسَلِينَ

Inene wena ungomnye wabaThunywa.ا

Tafseer

Tafseer

36.2

وَٱلۡقُرۡءَانِ ٱلۡحَكِيمِ

Nge’Kur’ân, enobulumko.ا

Tafseer

Tafseer

36.5

تَنزِيلَ ٱلۡعَزِيزِ ٱلرَّحِيمِ

(Esi) sisiTyhilelo sikaSobunganga, uSozinceba.ا

Tafseer

Tafseer

36.4

عَلَىٰ صِرَٰطٖ مُّسۡتَقِيمٖ

ENdleleni ethe Tye.ا

Tafseer

Tafseer

36.7

لَقَدۡ حَقَّ ٱلۡقَوۡلُ عَلَىٰٓ أَكۡثَرِهِمۡ فَهُمۡ لَا يُؤۡمِنُونَ

Inene ilizwi eliyinyani lesohlwayo sele (livakalisiwe) Ngokuchasene noninzi lwabo, ngoko ke abakholwa.ا

Tafseer

Tafseer

36.6

لِتُنذِرَ قَوۡمٗا مَّآ أُنذِرَ ءَابَآؤُهُمۡ فَهُمۡ غَٰفِلُونَ

Khon’ukuze ulumkise abantu (ngaso) abakhokho babo bangazanga balunyukiswe, ngoko (bahleli) bengazi.ا

Tafseer

Tafseer

36.9

وَجَعَلۡنَا مِنۢ بَيۡنِ أَيۡدِيهِمۡ سَدّٗا وَمِنۡ خَلۡفِهِمۡ سَدّٗا فَأَغۡشَيۡنَٰهُمۡ فَهُمۡ لَا يُبۡصِرُونَ

Kananjalo Sibeke umqobo phambi kwabo nangemva kwabo Sabagquma ukuze bangaboni.ا

Tafseer

Tafseer

36.8

إِنَّا جَعَلۡنَا فِيٓ أَعۡنَٰقِهِمۡ أَغۡلَٰلٗا فَهِيَ إِلَى ٱلۡأَذۡقَانِ فَهُم مُّقۡمَحُونَ

Inene, Thina Sibaqamangele ngamakhonkco ezintanyeni zabo ukuya kutsho ezilevini zabo ukuze iintloko zabo (zihlale) ziqwanyile.ا

Tafseer

Tafseer

36.11

إِنَّمَا تُنذِرُ مَنِ ٱتَّبَعَ ٱلذِّكۡرَ وَخَشِيَ ٱلرَّحۡمَٰنَ بِٱلۡغَيۡبِۖ فَبَشِّرۡهُ بِمَغۡفِرَةٖ وَأَجۡرٖ كَرِيمٍ

Wena uya kulumkisa kuphela olandela umyalezo nowoyika uSozinceba Ongabonwayo. Ngoko ke (onjalo) mnike iindaba ezivuyisayo zokuxolelwa nomvuzo omkhulu.ا

Tafseer

Tafseer

36.10

وَسَوَآءٌ عَلَيۡهِمۡ ءَأَنذَرۡتَهُمۡ أَمۡ لَمۡ تُنذِرۡهُمۡ لَا يُؤۡمِنُونَ

Ke kaloku kuyafana kubo nokuba ungabalumkisa okanye ungabalumkisi abayi kukholwa.ا

Tafseer

Tafseer

36.13

وَٱضۡرِبۡ لَهُم مَّثَلًا أَصۡحَٰبَ ٱلۡقَرۡيَةِ إِذۡ جَآءَهَا ٱلۡمُرۡسَلُونَ

Ke kaloku benzele umzekeliso (wabantu) besixeko (esithile) ekwafika abaThunywa kuso.ا

Tafseer

Tafseer

36.12

إِنَّا نَحۡنُ نُحۡيِ ٱلۡمَوۡتَىٰ وَنَكۡتُبُ مَا قَدَّمُواْ وَءَاثَٰرَهُمۡۚ وَكُلَّ شَيۡءٍ أَحۡصَيۡنَٰهُ فِيٓ إِمَامٖ مُّبِينٖ

Inene SiThi ababuyisela abafileyo ebomini, Sibhale (konke) abakwenzayo nabakushiya ngemva, kwaye zonke izinto Sizibhale eNcwadini ecacileyo.ا

Tafseer

Tafseer

36.15

قَالُواْ مَآ أَنتُمۡ إِلَّا بَشَرٞ مِّثۡلُنَا وَمَآ أَنزَلَ ٱلرَّحۡمَٰنُ مِن شَيۡءٍ إِنۡ أَنتُمۡ إِلَّا تَكۡذِبُونَ

Bathi bona: “Aninto yimbi nina ngaphandle kokuba ngabantu abafana nathi, kunjalo nje uSozinceba Akananto Ayityhilileyo (kuni) koko nina ningamaxoki.”ا

Tafseer

Tafseer

36.14

إِذۡ أَرۡسَلۡنَآ إِلَيۡهِمُ ٱثۡنَيۡنِ فَكَذَّبُوهُمَا فَعَزَّزۡنَا بِثَالِثٖ فَقَالُوٓاْ إِنَّآ إِلَيۡكُم مُّرۡسَلُونَ

Sathi Sisakuthumela ababini kubo basuka babaphika, Saza Sabomeleza ngowesithathu, bathi: “Inene thina singabathunywa kuni.”ا

Tafseer

Tafseer

36.17

وَمَا عَلَيۡنَآ إِلَّا ٱلۡبَلَٰغُ ٱلۡمُبِينُ

Yaye thina asinaxanduva lumbi ngaphandle kokuvakalisa uMyalezo ngokucacileyo.”ا

Tafseer

Tafseer

36.16

قَالُواْ رَبُّنَا يَعۡلَمُ إِنَّآ إِلَيۡكُمۡ لَمُرۡسَلُونَ

Bathi bona: “INkosi yethu Iyazi okokuba singabaThunywa kuni.ا

Tafseer

Tafseer

36.19

قَالُواْ طَـٰٓئِرُكُم مَّعَكُمۡ أَئِن ذُكِّرۡتُمۚ بَلۡ أَنتُمۡ قَوۡمٞ مُّسۡرِفُونَ

Bathi bona (abathunywa): “Umhlola ombi ukuni buqu. Ingaba (nikutsho oku) kuba nikhunjuzwa (ngoAllâh) kusini na?” Nakanye nina ningabenzi bobubi.”ا

Tafseer

Tafseer

36.18

قَالُوٓاْ إِنَّا تَطَيَّرۡنَا بِكُمۡۖ لَئِن لَّمۡ تَنتَهُواْ لَنَرۡجُمَنَّكُمۡ وَلَيَمَسَّنَّكُم مِّنَّا عَذَابٌ أَلِيمٞ

Bathi bona: “Inene thina sinicingela ukuba ningumhlola ombi. Ukuba aniyeki ke inene siya kunixuluba ngamatye, kwaye inene niya kufunyanwa sisohlwayo esibuhlungu esivela kuthi.”ا

Tafseer

Tafseer

36.21

ٱتَّبِعُواْ مَن لَّا يَسۡـَٔلُكُمۡ أَجۡرٗا وَهُم مُّهۡتَدُونَ

Landelani abo banganibizi ntlawulo babe bengabakhokelelekileyo.ا

Tafseer

Tafseer

36.20

وَجَآءَ مِنۡ أَقۡصَا ٱلۡمَدِينَةِ رَجُلٞ يَسۡعَىٰ قَالَ يَٰقَوۡمِ ٱتَّبِعُواْ ٱلۡمُرۡسَلِينَ

Ke kaloku kweza indoda ibaleka, ivela kwicala elikude lesixeko. Yathi: “Hini na bantu bakuthi landelani abaThunywa.ا

Tafseer

Tafseer

36.23

أَأَتَّخِذُ مِنْ دُونِهِ آلِهَةً إِنْ يُرِدْنِ الرَّحْمَٰنُ بِضُرٍّ لَا تُغْنِ عَنِّي شَفَاعَتُهُمْ شَيْئًا وَلَا يُنْقِذُونِ

Ndingathabatha (thixo) bambi na ngaphandle kwaKhe (lo gama) xa uSozinceba Enokuthi Athande ukuba ndihlelwe bububi intethelelo yabo (thixo benu bobuxoki) ingandincedi nto konke konke, bengekhe bandisindise nokundisindisa.ا

Tafseer

Tafseer

36.22

وَمَا لِيَ لَآ أَعۡبُدُ ٱلَّذِي فَطَرَنِي وَإِلَيۡهِ تُرۡجَعُونَ

Ndiya kuthini na ukungamnquli loWo Wandidalayo ekunguYe eniza kubuyiselwa kuYe.ا

Tafseer

Tafseer

36.25

إِنِّي آمَنْتُ بِرَبِّكُمْ فَاسْمَعُونِ

Inene mna ndikholiwe eNkosini yenu, ngoko ke ndiphulaphuleni.”ا

Tafseer

Tafseer

36.24

إِنِّي إِذًا لَفِي ضَلَالٍ مُبِينٍ

Inene bendingaba sekulahlekeni okucacileyo.ا

Tafseer

Tafseer

36.27

بِمَا غَفَرَ لِي رَبِّي وَجَعَلَنِي مِنَ الْمُكْرَمِينَ

Okokuba Indixolele kangakanani na iNkosi yam, Yandibeka kunye nabahloniphekileyo.”ا

Tafseer

Tafseer

36.26

قِيلَ ادْخُلِ الْجَنَّةَ ۖ قَالَ يَا لَيْتَ قَوْمِي يَعْلَمُونَ

Kwathiwa (kuye:) “Ngena ePaladesi.” Wathi yena: “Akwaba abantu bakuthi babesazi.ا

Tafseer

Tafseer

36.29

إِنْ كَانَتْ إِلَّا صَيْحَةً وَاحِدَةً فَإِذَا هُمْ خَامِدُونَ

Akuzanga kube thuba lingakanani kwakhwazwa kwaba kanye, bacima (pam).ا

Tafseer

Tafseer

36.28

وَمَا أَنْزَلْنَا عَلَىٰ قَوْمِهِ مِنْ بَعْدِهِ مِنْ جُنْدٍ مِنَ السَّمَاءِ وَمَا كُنَّا مُنْزِلِينَ

Ke kaloku aSizanga Sithumele mkhosi ngokuchasene nabantu bakubo kungazanga kube yimfuneko kananjalo kuThi ukwenza loo nto.ا

Tafseer

Tafseer

36.31

أَلَمْ يَرَوْا كَمْ أَهْلَكْنَا قَبْلَهُمْ مِنَ الْقُرُونِ أَنَّهُمْ إِلَيْهِمْ لَا يَرْجِعُونَ

Ababonanga na okokuba zingaphi izizukulwana eSazitshabalalisayo kwanokuba ezo (zizukulwana) azisokuze ziphinde zibuyele kubo kwakhona.ا

Tafseer

Tafseer

36.30

يَا حَسْرَةً عَلَى الْعِبَادِ ۚ مَا يَأْتِيهِمْ مِنْ رَسُولٍ إِلَّا كَانُوا بِهِ يَسْتَهْزِئُونَ

Kwaba njani ke ukuzisola kwezicaka. Akuzanga kufike Mthunywa kubo bangaphoxisi ngaye.ا

Tafseer

Tafseer

36.33

وَآيَةٌ لَهُمُ الْأَرْضُ الْمَيْتَةُ أَحْيَيْنَاهَا وَأَخْرَجْنَا مِنْهَا حَبًّا فَمِنْهُ يَأْكُلُونَ

Kanti ke umqondiso wabo ngumhlaba ofileyo. Thina ke Siye Siwubuyisele ebomini Size Sivelise iinkozo abathi badle kuzo.ا

Tafseer

Tafseer

36.32

وَإِنْ كُلٌّ لَمَّا جَمِيعٌ لَدَيْنَا مُحْضَرُونَ

Ukanti inene, bonke baza kubuyiselwa kuThi.ا

Tafseer

Tafseer

36.35

لِيَأْكُلُوا مِنْ ثَمَرِهِ وَمَا عَمِلَتْهُ أَيْدِيهِمْ ۖ أَفَلَا يَشْكُرُونَ

Khona ukuze badle iziqhamo zaKhe. Ukanti ke izandla zabo ayizizo eziyivelisayo, ngoko ke abayi kubulela na?ا

Tafseer

Tafseer

36.34

وَجَعَلْنَا فِيهَا جَنَّاتٍ مِنْ نَخِيلٍ وَأَعْنَابٍ وَفَجَّرْنَا فِيهَا مِنَ الْعُيُونِ

Ke kaloku Sabeka apho imiyezo yemithi yesundu nezidiliya, Senza kwagqabhuka imithombo apho phakathi kuyo.ا

Tafseer

Tafseer

36.37

وَآيَةٌ لَهُمُ اللَّيْلُ نَسْلَخُ مِنْهُ النَّهَارَ فَإِذَا هُمْ مُظْلِمُونَ

Kananjalo umqondiso kubo bubusuku. Sisusa ukukhanya kwemini kubo (ubusuku), ukuze babe sebumnyameni.ا

Tafseer

Tafseer

36.36

سُبْحَانَ الَّذِي خَلَقَ الْأَزْوَاجَ كُلَّهَا مِمَّا تُنْبِتُ الْأَرْضُ وَمِنْ أَنْفُسِهِمْ وَمِمَّا لَا يَعْلَمُونَ

Makazukiswe loWo Wadala zonke (izinto) ngambini zokuhluma emhlabeni nakubo buqu nakoko bangakwaziyo.ا

Tafseer

Tafseer

36.39

وَالْقَمَرَ قَدَّرْنَاهُ مَنَازِلَ حَتَّىٰ عَادَ كَالْعُرْجُونِ الْقَدِيمِ

Nenyanga Siyiqingqela izigaba zayo (kangangokuba) ide ibuyele (ibonakale) injengentlava endala yedatilisi.ا

Tafseer

Tafseer

36.38

وَالشَّمْسُ تَجْرِي لِمُسْتَقَرٍّ لَهَا ۚ ذَٰلِكَ تَقْدِيرُ الْعَزِيزِ الْعَلِيمِ

Ukanti lona ilanga libaleka endaweni yalo ukuya endaweni yokuma kwalo. Oko kungummiselo kaSobunganga, uSolwazi.ا

Tafseer

Tafseer

36.41

وَآيَةٌ لَهُمْ أَنَّا حَمَلْنَا ذُرِّيَّتَهُمْ فِي الْفُلْكِ الْمَشْحُونِ

Kananjalo umqondiso kubo ngulowo wokuba Sathwala ooyisemkhulu enqanaweni (kaNûh) eyayizele qhu.ا

Tafseer

Tafseer

36.40

لَا الشَّمْسُ يَنْبَغِي لَهَا أَنْ تُدْرِكَ الْقَمَرَ وَلَا اللَّيْلُ سَابِقُ النَّهَارِ ۚ وَكُلٌّ فِي فَلَكٍ يَسْبَحُونَ

Akuvumelekanga ukuba (ilanga) liyifumane inyanga, bungavumelekanga nobusuku ukuba buyifumane imini kodwa nganye kuzo indanda kwisijikelezisi sayo.ا

Tafseer

Tafseer

36.43

وَإِنْ نَشَأْ نُغْرِقْهُمْ فَلَا صَرِيخَ لَهُمْ وَلَا هُمْ يُنْقَذُونَ

Kanti ke ukuba SaSithandile ngeSaSibatshonisile emanzini, kwaye kwakungazi kubakho bani ubavelelayo, babengayi kusinda nokusinda.ا

Tafseer

Tafseer

36.42

وَخَلَقْنَا لَهُمْ مِنْ مِثْلِهِ مَا يَرْكَبُونَ

Yaye Sibadalele okufana noko bakuqhubayo (bakuqabelayo).ا

Tafseer

Tafseer

36.45

وَإِذَا قِيلَ لَهُمُ اتَّقُوا مَا بَيْنَ أَيْدِيكُمْ وَمَا خَلْفَكُمْ لَعَلَّكُمْ تُرْحَمُونَ

Kodwa xa kusithiwa kubo: “Lumkelani okwangaphambili kunani nokungemva kwenu; mhlawumbi niya kwenzelwa inceba.ا

Tafseer

Tafseer

36.44

إِلَّا رَحْمَةً مِنَّا وَمَتَاعًا إِلَىٰ حِينٍ

Ngaphandle kwenceba evela kuThi nembonelelo yokwethutyana.ا

Tafseer

Tafseer

36.47

وَإِذَا قِيلَ لَهُمْ أَنْفِقُوا مِمَّا رَزَقَكُمُ اللَّهُ قَالَ الَّذِينَ كَفَرُوا لِلَّذِينَ آمَنُوا أَنُطْعِمُ مَنْ لَوْ يَشَاءُ اللَّهُ أَطْعَمَهُ إِنْ أَنْتُمْ إِلَّا فِي ضَلَالٍ مُبِينٍ

Kanti naxa kusithiwa kubo: ‘Nikelani kumalizo ngoko uAllâh Anibonelele ngako,” Abo bangakholwayo bathi kwabo bakholwayo: “Thina sondle lowo xa uAllâh Ebethanda ngemondle ngokwaKhe? Nina anikho ntweni yimbi ngaphandle kokulahleka okucacileyo.”ا

Tafseer

Tafseer

36.46

وَمَا تَأْتِيهِمْ مِنْ آيَةٍ مِنْ آيَاتِ رَبِّهِمْ إِلَّا كَانُوا عَنْهَا مُعْرِضِينَ

Kananjalo akukho mqondiso ufikayo kubo uvela kwimiqondiso yeNkosi yabo abangawutshikileliyo.ا

Tafseer

Tafseer

36.49

مَا يَنْظُرُونَ إِلَّا صَيْحَةً وَاحِدَةً تَأْخُذُهُمْ وَهُمْ يَخِصِّمُونَ

(Ukuba bebesazi) akukho nto bayilindileyo ngaphandle kokudubula kwesithongakazi, esiya kubahlasela besalibele kukuphikisa.ا

Tafseer

Tafseer

36.48

وَيَقُولُونَ مَتَىٰ هَٰذَا الْوَعْدُ إِنْ كُنْتُمْ صَادِقِينَ

Kananjalo bathi: Siya kuba nini na esi sithembiso ukuba nithetha inyaniso?”ا

Tafseer

Tafseer

36.51

وَنُفِخَ فِي الصُّورِ فَإِذَا هُمْ مِنَ الْأَجْدَاثِ إِلَىٰ رَبِّهِمْ يَنْسِلُونَ

Ke kaloku iXilongo liya kuvuthelwa, baze ngoko nangoko baphume emangcwabeni beze eNkosini yabo bengxamile.ا

Tafseer

Tafseer

36.50

فَلَا يَسْتَطِيعُونَ تَوْصِيَةً وَلَا إِلَىٰ أَهْلِهِمْ يَرْجِعُونَ

Kwaye abayi kukwazi (ukunikela imiyalezo) bengayi kubuyela nakubantu bakubo na kakade.ا

Tafseer

Tafseer

36.53

إِنْ كَانَتْ إِلَّا صَيْحَةً وَاحِدَةً فَإِذَا هُمْ جَمِيعٌ لَدَيْنَا مُحْضَرُونَ

Akuyi kuba yinto yimbi ngaphandle kwesithonga esinye baze ngoko nangoko babuyiswe phambi kweThu.ا

Tafseer

Tafseer

36.52

قَالُوا يَا وَيْلَنَا مَنْ بَعَثَنَا مِنْ مَرْقَدِنَا ۜ ۗ هَٰذَا مَا وَعَدَ الرَّحْمَٰنُ وَصَدَقَ الْمُرْسَلُونَ

Baya kuthi: “O yini na kuthi! Ngubani na osivusileyo endaweni yethu yokulala?” (Impendulo iya kuthi): “Oku koko uSozinceba Wakuthembisayo, yaye abaThunywa babethetha inyaniso.”ا

Tafseer

Tafseer

36.55

إِنَّ أَصْحَابَ الْجَنَّةِ الْيَوْمَ فِي شُغُلٍ فَاكِهُونَ

Inene amadlelane asePaladesi ngaloo Mini aya kuhleka echulumancile, esebenza imisebenzi (yawo) emihle.ا

Tafseer

Tafseer

36.54

فَالْيَوْمَ لَا تُظْلَمُ نَفْسٌ شَيْئًا وَلَا تُجْزَوْنَ إِلَّا مَا كُنْتُمْ تَعْمَلُونَ

Ngoko ke (kuya kuthiwa kubo): “(NaMhlanje) akuyi kubakho mphefumlo uya kwenziwa bugwenxa konke konke, kananjalo aniyi kubuyekezwa ngaphandle koko nakwenzayo.”ا

Tafseer

Tafseer

36.57

لَهُمْ فِيهَا فَاكِهَةٌ وَلَهُمْ مَا يَدَّعُونَ

Okwabo apho iya kuba ziziqhamo, yaye okwabo iya kuba yiyo nantoni na abayicelayo (okanye abayinqwenelayo).ا

Tafseer

Tafseer

36.56

هُمْ وَأَزْوَاجُهُمْ فِي ظِلَالٍ عَلَى الْأَرَائِكِ مُتَّكِئُونَ

Bona nabalingane babo besemthunzini, bengqiyame ngeesofa ezihonjisiweyo.ا

Tafseer

Tafseer

36.59

وَامْتَازُوا الْيَوْمَ أَيُّهَا الْمُجْرِمُونَ

(Uya kuthi Yena): “Yimani ngokwahlukeneyo nina zaphula- mthetho.ا

Tafseer

Tafseer

36.58

سَلَامٌ قَوْلًا مِنْ رَبٍّ رَحِيمٍ

“Noxolo,” ilizwi elivela eNkosini uSozincebaا

Tafseer

Tafseer

36.61

وَأَنِ اعْبُدُونِي ۚ هَٰذَا صِرَاطٌ مُسْتَقِيمٌ

Kwanokuba nina nqulani Mna kuphela Le yiNdlela ethe Tye.ا

Tafseer

Tafseer

36.60

أَلَمْ أَعْهَدْ إِلَيْكُمْ يَا بَنِي آدَمَ أَنْ لَا تَعْبُدُوا الشَّيْطَانَ ۖ إِنَّهُ لَكُمْ عَدُوٌّ مُبِينٌ

NdaNdinganiyalelanga na ukuba ningamkhonzi uShaytân, hini na bantwana baka-Adam kuba yena kuni ulutshaba olucacileyo.ا

Tafseer

Tafseer

36.63

هَٰذِهِ جَهَنَّمُ الَّتِي كُنْتُمْ تُوعَدُونَ

Lo nguMlilo wesiHogo enanithenjiswe ngawo.ا

Tafseer

Tafseer

36.62

وَلَقَدْ أَضَلَّ مِنْكُمْ جِبِلًّا كَثِيرًا ۖ أَفَلَمْ تَكُونُوا تَعْقِلُونَ

Kananjalo yena phakathi kwenu sele elahlekise inyambalala endalweni, ke ngoko nina naningayisebenzisi ingqiqo.ا

Tafseer

Tafseer

36.65

الْيَوْمَ نَخْتِمُ عَلَىٰ أَفْوَاهِهِمْ وَتُكَلِّمُنَا أَيْدِيهِمْ وَتَشْهَدُ أَرْجُلُهُمْ بِمَا كَانُوا يَكْسِبُونَ

Ngaloo Mini Siya kuyitywina imilomo yabo, kuze kuthethe izandla zabo kuThi, iinyawo zabo zona ziya kungqina ngoko bakwenzayo.ا

Tafseer

Tafseer

36.64

اصْلَوْهَا الْيَوْمَ بِمَا كُنْتُمْ تَكْفُرُونَ

Yitshani naMhlanje ngenxa yoko nanidla ngokukuphika!”ا

Tafseer

Tafseer

36.67

وَلَوْ نَشَاءُ لَمَسَخْنَاهُمْ عَلَىٰ مَكَانَتِهِمْ فَمَا اسْتَطَاعُوا مُضِيًّا وَلَا يَرْجِعُونَ

Kananjalo ukuba SaSithandile ngeSabenza baba ziimbedlenge ezindaweni zabo khona ukuze bangakwazi (ukuhamba) baye phambili, bangakwazi nokubuyela umva.ا

Tafseer

Tafseer

36.66

وَلَوْ نَشَاءُ لَطَمَسْنَا عَلَىٰ أَعْيُنِهِمْ فَاسْتَبَقُوا الصِّرَاطَ فَأَنَّىٰ يُبْصِرُونَ

Ke kaloku ukuba SaSithandile ngeSaSibatshabalalisele amehlo abo, baza bakhuphisana (ngokufuna) indlela, phofu babeza kuyibona kanjani?ا

Tafseer

Tafseer

36.69

وَمَا عَلَّمْنَاهُ الشِّعْرَ وَمَا يَنْبَغِي لَهُ ۚ إِنْ هُوَ إِلَّا ذِكْرٌ وَقُرْآنٌ مُبِينٌ

Kananjalo Asizanga Simnike (uMuhammad) ulwazi lobumbongi, kwaye asinto imfaneleyo (leyo). Koko (eSimnike kona) akunto yimbi ngaphandle kokuba ngumyalezo ne’Kurân ecacileyo.ا

Tafseer

Tafseer

36.68

وَمَنْ نُعَمِّرْهُ نُنَكِّسْهُ فِي الْخَلْقِ ۖ أَفَلَا يَعْقِلُونَ

Lowo Simnike ubomi obude, Simbuyisela umva endalweni. Ingaba ke ngoku abayi kuqonda?ا

Tafseer

Tafseer

36.71

أَوَلَمْ يَرَوْا أَنَّا خَلَقْنَا لَهُمْ مِمَّا عَمِلَتْ أَيْدِينَا أَنْعَامًا فَهُمْ لَهَا مَالِكُونَ

Kanti ababoni na okokuba koko kuvela eZandleni zeThu Sibadalele, Sabenzela izilwanyana ezitya ingca, baze babe ngabaninizo?ا

Tafseer

Tafseer

36.70

لِيُنْذِرَ مَنْ كَانَ حَيًّا وَيَحِقَّ الْقَوْلُ عَلَى الْكَافِرِينَ

Yokulumkisa nabani na ophilayo, kuze kuthetheleleke ilizwi lesilumkiso ngokuchasene nabangakholwayo.ا

Tafseer

Tafseer

36.73

وَلَهُمْ فِيهَا مَنَافِعُ وَمَشَارِبُ ۖ أَفَلَا يَشْكُرُونَ

Ukanti kwakuzo apho kukwakho nezinye (izinto) eziyinzuzo (kubo) nokuselwayo, ngoko ke abayi kubulela na?ا

Tafseer

Tafseer

36.72

وَذَلَّلْنَاهَا لَهُمْ فَمِنْهَا رَكُوبُهُمْ وَمِنْهَا يَأْكُلُونَ

Kananjalo Sizilulamisele bona, ngoko ke ezinye zazo bayaziqabela, ezinye zazo bazitye.ا

Tafseer

Tafseer

36.75

لَا يَسْتَطِيعُونَ نَصْرَهُمْ وَهُمْ لَهُمْ جُنْدٌ مُحْضَرُونَ

Abakwazi kubanceda nje, ukanti ikwangabo buqu amajoni angabalondolozi babo (thixo babo bobuxoki).ا

Tafseer

Tafseer

36.74

وَاتَّخَذُوا مِنْ دُونِ اللَّهِ آلِهَةً لَعَلَّهُمْ يُنْصَرُونَ

Kodwa bazithabathele thixo bambi ngaphandle koAllâh (besithi) mhlawumbi baya kuncedakala.ا

Tafseer

Tafseer

36.77

أَوَلَمْ يَرَ الْإِنْسَانُ أَنَّا خَلَقْنَاهُ مِنْ نُطْفَةٍ فَإِذَا هُوَ خَصِيمٌ مُبِينٌ

Kanti umntu lo akaqapheli na okokuba Samdala ngeqabaza lembewu yomntu? kodwa asuke yena abe ngumchasi ocacileyoا

Tafseer

Tafseer

36.76

فَلَا يَحْزُنْكَ قَوْلُهُمْ ۘ إِنَّا نَعْلَمُ مَا يُسِرُّونَ وَمَا يُعْلِنُونَ

Ngoko ke wena musa ukuvumela iintetho zabo zikukhubekise, Siyakwazi abakufihlayo noko bakuvezayo.ا

Tafseer

Tafseer

36.79

قُلْ يُحْيِيهَا الَّذِي أَنْشَأَهَا أَوَّلَ مَرَّةٍ ۖ وَهُوَ بِكُلِّ خَلْقٍ عَلِيمٌ

Yithi wena: “Uya kuwanika ubomi loWo Wawavelisayo ekuqalekeni, kwaye Yena phezu kwayo yonke indalo nguSolwazi.”ا

Tafseer

Tafseer

36.78

وَضَرَبَ لَنَا مَثَلًا وَنَسِيَ خَلْقَهُ ۖ قَالَ مَنْ يُحْيِي الْعِظَامَ وَهِيَ رَمِيمٌ

Ade enze umzekelo (ngaThi), alibale ngokudalwa kwakhe athi: “Ngubani oza kunika ubomi emathanjeni asele ethe saa?”ا

Tafseer

Tafseer

36.81

أَوَلَيْسَ الَّذِي خَلَقَ السَّمَاوَاتِ وَالْأَرْضَ بِقَادِرٍ عَلَىٰ أَنْ يَخْلُقَ مِثْلَهُمْ ۚ بَلَىٰ وَهُوَ الْخَلَّاقُ الْعَلِيمُ

Ingaba loWo Wadala amazulu nomhlaba Akakwazi ukudala abanjengabo? Ewe (kunjalo nje) yaye Yena nguSolwazi, uMdali.ا

Tafseer

Tafseer

36.80

الَّذِي جَعَلَ لَكُمْ مِنَ الشَّجَرِ الْأَخْضَرِ نَارًا فَإِذَا أَنْتُمْ مِنْهُ تُوقِدُونَ

Yena nguloWo Wanenzela umlilo ngomthi oluhlaza, nenithi niphembe ngawo.ا

Tafseer

Tafseer

36.83

فَسُبۡحَٰنَ ٱلَّذِي بِيَدِهِۦ مَلَكُوتُ كُلِّ شَيۡءٖ وَإِلَيۡهِ تُرۡجَعُونَ

Ngoko ke Makazukiswe loWo eSandleni saKhe kukho ulongamelo lwezinto zonke, yaye kukuYe apho niza kubuyiselwa khona.ا

Tafseer

Tafseer

36.82

إِنَّمَا أَمْرُهُ إِذَا أَرَادَ شَيْئًا أَنْ يَقُولَ لَهُ كُنْ فَيَكُونُ

Yena owaKhe umyalelo ngowokuba Athi xa Enenjongo yento (ethile) Asuke Athi kuyo: “Yibakho,” ibekho (ngoko nangoko).ا

Tafseer

Tafseer

ISurah Yaseen isishwankathelo:

ISurah Yaseen ibizwa ngokuba yi “Intliziyo yeQuran”. Kuhlala kuthiwa “uYaseen” ikwaligama loMprofeti uMuhammad (PBUH).  Ineevesi ezingama-83 kwaye sisahluko sama-36 seQuran kwaye inamagama angama-807 kunye noonobumba abangama-3,028. Ine-ruku ezi-5 (amacandelo). Iyinxalenye ye-22nd Juz kwaye iqhubekeka kwi-23rd Juz. Ityhilwe eMakkah, ke ibizwa ngokuba yiMakki Surah kwaye igxininisa ezi Nqaku zibalulekileyo zilandelayo:

1. Isiqinisekiso sobuProfeti:

ISurah iqala ngokuqinisekisa ubunyani bomyalezo oziswa nguMprofeti uMuhammad (SAW). Igxininisa ukuba unguMthunywa othunyelwe ngu-Allah ukuba akhokele abantu.

2. Imiqondiso ka-Allah:

ISurah igxininisa imiqondiso yobukho buka-Allah namandla ngendalo. Ikhankanya ukutshintshisana kobusuku nemini, ukukhula kwezityalo, kunye nemimangaliso yendalo iphela, ikhuthaza abantu ukuba bacinge ngale miqondiso njengobungqina bobungangamsha buka-Allah.

3. Ukugatywa koMyalezo:

Ithetha ngokuba neenkani kwabo basikhanyelayo isigidimi. Phezu kwayo nje imiqondiso ecacileyo nemimangaliso eyaboniswa kubo, abaninzi basaqhubeka beyigatya inyaniso, nto leyo ekhokelela kwisohlwayo sabo esingenakuphepheka.

4. Imizekelo yeZizwe ezidlulileyo:

I-surah ibalisa ngamabali oluntu oludlulileyo olwabagatyayo abaprofeti babo kwaye bajongana nentshabalalo ngenxa yoko. Oku kusisilumkiso kwabo bayikhanyelayo inyaniso.

5. Uvuko kunye noKulandelayo:

ISurah Yaseen ixoxa ngobunyani bovuko nobomi emva kokufa. Ibethelela ukuba bonke abantu baya kuvuswa ngeMini yoMgwebo, apho baya kuphenduliswa ngezenzo zabo.

6. Inceba kaThixo:

ISurah iqinisekisa amakholwa ngenceba ka-Allah kunye nomvuzo kwabo bamkela umyalezo. Ibalaselisa umahluko phakathi kwekamva lamalungisa nabangakholwayo, igxininisa ukuba amakholwa aya kuhlala eparadesi.

7. Ukufowuna ukuze ubonakalise:

I-Surah iphetha ngokubongoza abantu ukuba bacinge ngobomi babo, imiqondiso ka-Allah ebangqongileyo, kunye nenyaniso yokugqibela yovuko kunye nokuziphendulela.